ZIFILE LUNXANO IINDLAMANZI ZASECOFIMVABA
COFIMVABA- Ibiyimini eyahlukileyo kwidolophu yaseCofimvaba neziphaluka. UMasipala wasekuhlaleni, Intsika Yethu, uye wakhupha isibhilivana ngenj' ixukuxa namhlanje esithi, zonke iindawo ezithengisa utywala azizuvula.
Amadoda namankazana wawo kwiingingqi zaseCofimvaba ebephelile lunxano, kuye kwanyanzeleka ukuba babhenele kwiNkentsu, iNgqayi noMqombothi kuba zonke iindawo zentselo bezikhala ibhungane.
Uninzi lwabo beluginya ingwiqi ngokubona nje amaRhewu abilayo, bambi bancamele emanzini, izisu ziqine zingumpatsiya ngenxa yamanzi.
Sithetha nje abahlali bezandawo behla benyuka kwiilali ezingqonde laa dolophu bangena umzi nomzi bebuza ukuba akukho mgidi namtshato kusini na.
Isizathu soluvalwa kweendawo zentselo, bekusoyikiselwa unongekehli nanjengoko bekungcwatywa iNkosi yezibhovu-bhovu zophuma-silwe namhlanje uYanga Endrey 'Bara' Nyalara(33).
Lo kaNyalara kunye noobhululu bakhe bachetywa impandla ngembumbulu ngamapolisa waseGcuwa kwindawo yakuNdabakazi kweliphondo leMpuma Koloni.
Ngokwengxelo engaphikiswayo lonqalintloko kunye nonogada bakhe abahlanu(5) bamiswa ngamapolisa kwindlela esuka eCofimvaba, ingxelo ithi baye batsala imixhadi neziphongo, baqinisa iindlathi bezenza abangaboniyo nabangevayo.
Bathi bakudikwa kukumiswa ngamapolisa, bahlasela ngemikhono yeKati bedubula amapoliseni.
Amapolisa kuthiwa zange aphozise-maseko kwatshintshiswana ngerhuluwa, wanuka xa kulapho umswane, kwafaniswa iimpundu.
Namhlanje bekungcwatywa lo kaNyalara kumadlaka ooyise-mkhulu, kwilali yakwaMaya eCofimvaba. Abakwantsasana bebephume ngobuninzi belindele nantoni enokwenzeka.
Akuvakalanga nesithonga esinye ngexesha kuqhuba inkonzo yomngcwabo, nto leyo ingaqhelekanga kuba bekungcwatywa ijoni elifele emfazweni.
Mzukisi Mangwane
01 EyoKwindla 2025
I like this 👌😍
I love this
You must be logged in to post a comment.